
UMakazi othile uhlala nosapho lwakuloThandi unokhohlokhohlo
olungapheliyo kwaye uye wehla kakhulu kubunzima bomzimba wakhe.
Ukhetho lwakho luza kuchaphazela ibali, ngoko ke, nceda ukhethe kakuhle
Cofa iqhosha elithi qalisa ngezantsi ukuze uqalise okanye phinda ulicofe ukuze uqalele ibali ekuqaleni.

UMakazi othile uhlala nosapho lwakuloThandi unokhohlokhohlo
olungapheliyo kwaye uye wehla kakhulu kubunzima bomzimba wakhe.

Ugqirha uthi umakazi uneTB!
Uyacacisa ukuba wonke umntu okusapho kufuneka athathe amayeza athile ukuze azithintele ekufumaneni
iTB kodwa kukho imiphumo engathandekiyo. Iyeza libizwa “Unyango Lokuthintela iTB”.

Ugqirha uyacacisa ukuba nangona kubonakala ngathi usempilweni
uThandi, kubalulekile ukuba aluthathe Unyango Lokuthintela iTB.

UThandi uqalisa ukungaziva kamnandi, uziva enesicaphucaphu ibe engenamdla wokutya.
Abazali bakhe bamxelela ukuba akanazo iimpawu zokuba neTB.
Ucinga ukuba liyeza elimenza angaziva kamnandi.

UMakazi kaThandi uyagqiba ukuthatha amayeza eTB kwaye nosapho
lwakowabo luyagqiba ukuthatha Unyango Lokuthintela iTB.
Ugqirha uthi uMakazi kaThandi akasenayo iTB kwaye uThandi nosapho lwakowabo
akusafunekanga bathathe unyango lokuyithintela ibe bangayeka ukuluthatha!

UThandi uqalisa ukukhohlela aze ugqirha athi kufuneka
kwenziwe into ebizwa ngokuba luvavanyo lwesikhohlela.
Ukhohlela aze athufele isikhohlela kwityhubhu. Isikhohlela siza kuvavanywa kumatshini obizwa iGeneXpert.
Uvavanyo luthatha iiyure ezimbalwa.

Emva kweeyure ezimbalwa, ugqirha ufumana iziphumo zovavanyo lwakhe.
Ugqirha uthi ngelishwa unesifo seTB!

Kungene uMike O’ emiphungeni yakhe. Uyilwa yibhaktheriya ebizwa
ngokuba yiMycobacterium Tuberculosis kwaye ibangela iTB.
Unyango lokuthintela belusenzelwa ukumnqanda angangeni kuThandi.

Ngenxa yokuba uMike O’ engene kuThandi ngoku, ugqirha uthi
kuza kufuneka athathe amayeza angakumbi ngosuku ngalunye ibe
iziphumo ezingathandekiyo ziza kuba mbi nangakumbi!
Ugqirha uthi uThandi kufuneka aze eklinikhi suku ngalunye ukuze
kubekho umntu omjongayo xa ethatha amayeza.
Loo nto ibizwa “Unyango Olujongwa Ngqo”.

Ngenxa yeyeza, uThandi uyayeka ukuziva iimpawu zeTB kodwa iziphumo ezingathandekiyo ziba mbi nangakumbi!
Uya kugqirha aze ugqirha enze iimvavanyo zokhuseleko ezimbalwa. Ugqirha ujonga enoba amathamo afanelekile.
Utshintsha amanye amayeza ukuze ezinye iziphumo ezingathandekiyo zibe ngcono.
Kusenjalo, uMike O’ uyazimela kodwa usekhona…

I-TB ekuThandi iya isiba mandundu aze ehle kakhulu kubunzima bomzimba kwaye azive ediniwe.

Iziphumo ezingathandekiyo ziba ngcono, uThandi uyazibuza ukuba
ngaba kusafuneka aqhubeke ewathatha na amayeza akhe…

Ngenxa yokuba uThandi engakhange awathathe amayeza,
iTB iye yamandundu ngokukhawuleza,
uMike O’ ngoku usasazekile.
Akasasazekanga kwimiphunga kaThandi
yodwa kodwa usasazeke nakwiindawo ezininzi!

Xa etyelele eklinikhi, ugqirha uxelela uThandi ukuba iTB anayo itshintshile!
Ngoku kubonakala ngathi iyaxhathisa emayezeni ibe kufuneka
asebenzise amayeza awohlukileyo nanamandla ngakumbi.
La mayeza aza kuba neziphumo ezingathandekiyo ezimbi ngakumbi…

Ukongezelela ekwehleni kakhulu kubunzima bomzimba,
ekukhohleleni nasekubileni ebusuku, uThandi
uqaphela ukuba qho xa esiya ngasese kubakho
igazi ibe umqolo wakhe uba buhlungu kakhulu.

UThandi uya eklinikhi suku ngalunye ukuze enziwe Unyango Olujongwa Ngqo,
iziphumo ezingathandekiyo azifumanayo ziya zisiba mbi kakhulu, usazibuza ukuba
ngaba umele aqhubeke ethatha amayeza suku ngalunye…

Emva kokuya eklinikhi suku ngalunye kangangeenyanga ezininzi,
ugqirha uxelela uThandi ukuba iTB inyangekile!
Umosuleleko uphelile kodwa kukho omonakalo oshiyekileyo –
uThandi uziva enephika kwaye ugqirha ucinga soze ayeke ukuba nalo.
Libizwa ngokuba ziimpawu ezingapheliyo ibe uza kuba nazo
ubomi bakhe bonke.

I-TB ekuThandi ihambele phambili kangangokuba
kufuneka ayokulaliswa esibhedlele kangangexesha elide.

Emva kweenyanga ezininzi, ugqirha oseklinikhi uxelela uThandi
ukuba ungcono ngoku! Akuseyomfuneko ukuba uThandi athathe
amayeza, akasenasisu esibuhlungu kwaye eyona nto imnandi kukuba akasenayo iTB!

UThandi uye wawathatha amayeza akhe amatsha kangangexesha elifutshane kodwa
uyaziva iziphumo ezingathandekiyo ukuba zimbi ngakumbi – isisu sakhe sisebuhlungu
kodwa umbilo wakhe unombala o-orenji ibe izandla zakhe zindindisholo kwaye zinenkantsi.