Halala, ukhetho lwakho luncede uThandi wasinda kumosuleleko weTB kodwa uye waneengxaki zempilo zexesha elide ezibizwa ngokuba zizigulo ezingapheliyo.
Abanye abantu abasindayo kwiTB baza kuba neengxaki zempilo emva kokuba inyangiwe. Ngokomzekelo ingxaki yokuphefumla okanye ukuziva bediniwe ngalo lonke ixesha. Kodwa, ukuba bathatha onke amayeza abo ngendlela echanileyo kuze kungabikho thamo bangalithathiyo, banethuba elingcono lokuchacha ngokupheleleyo baze baphephe ingxaki ezihlala ixesha elide.
Ukuba ungathanda ukubona ukuba yeyiphi enye indlela elihamba ngayo ibali lakhe, cofa iqhosha elithi qalela ngezantsi uze uzame ukhetho olwahlukileyo.
Or try some of our other online activities